1. Ke kaloku ukudla ubomi kukaSara kwaba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini aneminyaka esixhenxe; yiyo iminyaka yokudla ubomi kukaSara.
2. Wafa ke uSara eKiriyati ka-Arbha, eyiHebron, ezweni lakwaKanan. UAbraham waya kumbambazelela uSara nokumlilela.
3. Wesuka uAbraham ebusweni bomfikazi lowo,
4. wathetha koonyana bakaHeti, esithi, Ndingumphambukeli, ndilundwendwe kuni; ndinikeni ndibe nendawo yam yokungcwaba phakathi kwenu, ukuze ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam.
5. Bamphendula uAbraham oonyana bakaHeti, bathi kuye, Síve, nkosi yam!
6. Ùsisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu; kwelona linyulekayo kumangcwaba ethu, mngcwabe umfikazi lowo; akukho bani kuthi uya kwala nengcwaba lakhe, ukuba ungamngcwabi umfikazi lowo.
7. Wesuka uAbraham, waqubuda kubantu belizwe elo, koonyana bakaHeti abo.