7. UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.
8. UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.
9. UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.
10. Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa eziné.
11. Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide.
12. Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki* nelitye lebherilo.*
13. Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi.
14. Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesiné umlambo ngumEfrati.
15. UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine.
16. UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungáyidla uyidle;
17. ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, ùya kufa.
18. Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.
19. UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam* ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.