22. Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.
23. Wasondela uAbraham, wathi, Ungáde ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?
24. Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungáde uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?
25. Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?