1. Emveni kwezo zinto, lafika ilizwi likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.
2. Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.
3. Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.
4. Nâlo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakho, yena oya kuba yindlamafa yakho.
5. Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.
6. Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.
7. Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.
8. Wathi yena, Nkosi, Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa?