26. UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.
27. Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote.
28. Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi.
29. UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska.
30. USarayi ebengazali, engenamntwana.
31. UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.