24. UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uEbhere.
25. UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege,* ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.
26. UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,
27. noHadoram, noUzali, noDikela,
28. no-Obhali, noAbhimayeli, noShebha,
29. no-Ofire, noHavila, noYobhabhi; bonke abo bangoonyana bakaYoketan.
30. Ukuma kwabo kwathabathela eMesha, kwasinga eZefara, intaba yasempumalanga.
31. Ngabo abo oonyana bakaShem ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ngokweentlanga zabo.
32. Zizo ezo izizwe zoonyana bakaNowa, ngokweenzalo zabo, ezintlangeni zabo; zadabuka kubo abo iintlanga ehlabathini emveni konogumbe.