1. Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze.
2. Wòsebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke ábenza umsebenzi ngayo bobulawa.
3. Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.
4. Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:
5. uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;
6. nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
7. nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;
8. neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi;
9. namatye ebherilo,* namatye okufakwa e-efodini* naselubengweni.
10. Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo:
11. umnquba nentente yawo, nesigubungelo sayo, amagwegwe ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
12. ityeya nezibonda zayo, isihlalo sokucamagusha, nomkhusane wokusithelisa;