19. bahlambele kulo uAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo.
20. Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi, bangafi; nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela nokuqhumisela ngokudla kwasemlilweni kuYehova;
21. bohlamba ke izandla zabo neenyawo zabo, ukuze bangafi; ibe ngummiselo ongunaphakade kubo, kuye lo, nakwimbewu yakhe kwizizukulwana zabo.