1. Ngawo la amasiko oya kuwabeka phambi kwabo:
2. Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lókhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga.
3. Ukuba lithe leza lodwa, lophuma lodwa; ukuba belithe leza liyindoda enomfazi, umkalo wophuma nalo.
4. Ukuba ke inkosi yalo ithe yalizekela umfazi, walizalela oonyana, nokuba ziintombi: umfazi lowo nabantwana balo boba ngabenkosi yalo, liphume lona lodwa.
5. Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile:
6. inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade.