6. ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
7. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
8. Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.
9. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
10. ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho:
11. kuba ngemihla emithandathu uYehova wênza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.
12. Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
13. Uze ungabulali.