18. Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.
19. Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife.
20. Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.
21. Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.
22. Wathi uYehova kuMoses, Wòtsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethé nani ndisemazulwini.
23. Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.