11. Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses.
12. Okukhona babacinezeláyo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalaláyo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.
13. AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;
14. abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.
15. Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa;
16. wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.