1. Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi;
2. beza elowo nendlu yakhe: uRubhen, uSimon, uLevi noYuda;
3. uIsakare, uZebhulon noBhenjamin;
4. uDan noNafetali, uGadi noAshere.
5. Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.
6. Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.
7. Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
8. Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.
9. Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.