58. Ukuba ùthe akwagcina ukuwenza onke amazwi alo myaleleo, abhaliweyo kule ncwadi, ukuba uloyike eli gama lizukileyo, loyikekayo, UYEHOVA UTHIXO WAKHO:
59. uYehova wozenza zibaluleke izibetho zakho, nezibetho zembewu yakho, zibe zizibetho ezikhulu ezihlala zihleli, nezifo ezibi ezihlala zihleli;
60. akubuyisele ke bonke ubulwelwe baseYiputa owanxunguphala bubo, buthi nama kuwe.
61. Nazo zonke izifo nezibetho zonke ezingàbhaliweyo encwadini yalo myalelo, wózinyusa uYehova phezu kwakho ude utshabalale;
62. nisale nibantu bambalwa, esikhundleni sokuba naningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi; ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wakho.