37. ube ngummangaliso, nondaba-mlonyeni, nento yentsini, phakathi kwezizwe zonke athe uYehova wakuqhubela kuzo.
38. Wòphuma nembewu eninzi uye entsimini, uvune into encinane; ngokuba iya kunqunquthwa ziinkumbi.
39. Wòtyala izidiliya, uzisebenze, ungaseli wayini noko, ungavuni zidiliya; ngokuba ziya kudliwa ngukruxeshe.
40. Wòba neminquma emideni yakho yonke, ungazithambisi ngeoli noko; ngokuba iminquma yakho iya kunyothulwa.
41. Wòzala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.
42. Yonke imithi yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, sohluthwa ziinkumbi.
43. Owasemzini ophakathi kwakho wokunyuka, aye enyuka ngokunyuka; wena uye usihla ngokuhla.
44. Wókuboleka yena, ungamboleki wena; wóba yintloko yena, ube ngumsila wena.
45. Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikufumane ude utshabalale; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe akuwiseleyo;
46. zibe ngumqondiso nezimanga kuwe, nakwimbewu yakho kude kuse ephakadeni;
47. ngenxa yokuba ungamkhonzanga uYehova uThixo wakho ngokuvuya, nangokuchwayitha kwentliziyo, ngenxa yobuninzi bezinto zonke.