1. Uze ungabingeleli kuYehova uThixo wakho nkomo nagusha inasiphako, nandawo imbi nokuba yiyiphi; ngokuba oko kulisikizi kuYehova uThixo wakho.
2. Xa kuthe kwafunyanwa phakathi kwenu, nakuliphi isango emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho, indoda nokuba yinkazana eyenze okubi emehlweni kaYehova uThixo wakho ngokugqitha umnqophiso wakhe;
3. yaya, yakhonza thixo bambi, yazinqula, ilanga, nenyanga, nomkhosi wonke wasezulwini, into endingawisanga mthetho ngayo;
4. waxelelwa ke, weva, wabuza wacokisa, wafumana iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi kwaSirayeli: