Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho: