Kuba ilizwe elo uya kulo, usiya kulihlutha, alinjengelizwe laseYiputa, elo naphuma kulo, apho wayihlwayelayo imbewu yakho, waza wayinkcenkcesha ngonyawo lwakho, njengomyezo wemifuno.