29. Yathi enye kwenye, Ngubani na lo wenzé le nto? Abuza, afuna. Bathi, NguGidiyon unyana kaYowashe, lo wenzé le nto.
30. Athi amadoda aloo mzi kuYowashe, Khupha unyana wakho, afe; ngokuba úsidilizile isibingelelo sikaBhahali, wamgawula uAshera obengakuso.
31. Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba únguThixo, makazithethele, ngokuba sídiliziwe isibingelelo sakhe.
32. Kwathiwa loo mini unguYerubhahali,* kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.
33. Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.