29. Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angáthi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda.
30. Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.
31. Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.