Yesuka indoda yalo yaliphuthuma, ukuba ithethe kakuhle nalo ilibuyise, inomfana namaesile amabini. Layingenisa endlwini yoyise walo. Wayibona uyise wentombazana leyo, wakuvuyela ukuhlangana nayo.