11. Xa babengaseYebhusi, imini yayise ithambamile kakhulu. Wathi umfana kwinkosi yakhe, Khawuze siphambukele kulo mzi wamaYebhusi, silale kuwo.
12. Yathi kuye inkosi yakhe, Asiyi kuphambukela apha kumzi wolunye uhlanga, ongengowoonyana bakaSirayeli; sodlula siye eGibheha.
13. Yathi kumfana wakuyo, Yiza, sisondele kweny indawo, silale; nokuba kuseGibheha, nokuba kuseRama.
14. Bagqitha, bahamba; batshonelwa lilanga ecaleni laseGibheha yakwaBhenjamin.
15. Baphambukela apho, baya kulala eGibheha; yafika yahlala endaweni yokubutha kwamadoda omzi; akwabakho mntu ubamkelela endlwini yakhe, ukuba balale.