Behla abazalwana bakhe nendlu kayise yonke, bamthabatha, bamnyusa, bamngcwabela phakathi kweTsora ne-Eshtawoli, engcwabeni likaManowa uyise. Wawalawula yena amaSirayeli iminyaka emashumi mabini.