30. Wabuya ke uYowabhi ekumsukeleni uAbhinere; wabahlanganisa abantu bonke, kwasweleka kubakhonzi bakaDavide ishumi elinesithoba lamadoda, noAsaheli.
31. Ke abakhonzi bakaDavide babebulele, kumaBhenjamin nakumadoda akwa-Abhinere, amakhulu amathathu anamanci amathandathu amadoda, afa.
32. Bamthabatha uAsaheli, bamngcwaba engcwabeni likayise eliseBhetelehem. Bahamba ke ubusuku bonke uYowabhi namadoda akhe, kwasa beseHebron.