Nanko kusiza onke amadoda akwaSirayeli kukumkani, athi kukumkani, Yini na ukuba abazalwana bethu, amadoda akwaYuda, bambé, bamweze ukumkani nendlu yakhe eYordan, enamadoda onke kaDavide?