23. USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi,Nasekufeni kwabo abahlukananga.Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga,Babenamandla ngaphezu kweengonyama.
24. Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule,Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa;Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.
25. Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe!UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho
26. Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan;Ùbumnandi kakhulu kum;Kubalukekile ukundithanda kwakhoNgaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.
27. Hayi, ukuwa kwamagorha!Adakile amadoda okulwa!