Kwathi, akuva uElisha, umfo wakwaThixo, ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule iingubo zakhe, wathumela kukumkani wathi, Ùzikrazulele ntoni na iingubo zakho? Makeze kum, azi ukuba kukho umprofeti kwaSirayeli.