Ke kaloku uYehoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaYehoshafati ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka elishumi elinamibini engukumkani.