16. Waza uMenahem wachitha iTifesa nento yonke ebikuyo, nemida yayo, ephuma eTirtsa; ngokuba ingamvulelanga, wayixabela; wabaqangqulula bonke abamithiyo kuyo.
17. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uMenahem unyana kaGadi kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi.
18. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli, yonke imihla yakhe.
19. Walifikela ilizwe uPuli, ukumkani waseAsiriya; uMenahem wamnika uPuli iwaka leetalente* zesilivere, ukuze izandla zakhe zibe ngakuye, ukuze abuqinise ubukumkani esandleni sakhe.
20. UMenahem wayibiza isilivere leyo kumaSirayeli, kumadoda onke azizityebi, ukuba anike ukumkani waseAsiriya: yangamashumi omahlanu eeshekele* zesilivere kumntu emnye. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya; akahlala ezweni elo.
21. Ezinye izinto zikaMenahem, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
22. Walala uMenahem kooyise; uPekaya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
23. Ngomnyaka wamashumi omahlanu ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uPekaya, unyana kaMenahem, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamibini.
24. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
25. UPeka, unyana kaRemaliya, umphathi-mkhosi wakhe, wamceba wamxabela kwaSamari enqabeni yendlu yokumkani, noArgobhi noAriye, enamadoda angamashumi omahlanu koonyana bamaGiliyadi; wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
26. Ezinye izinto zikaPekaya, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.