1. Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYehowahazi, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi elinesixhenxe.
2. Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.
3. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram,* nasesandleni sikaBhenhadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla.
4. UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile.
5. (UYehova wawanika amaSirayeli umsindisi, aphuma phantsi kwesandla sama-Aram; bahlala oonyana bakaSirayeli ezintenteni zabo, njengokwangaphambili;
6. nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera* wayesemi kwaSamari.)
7. Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.