1. Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYehowahazi, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi elinesixhenxe.
2. Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.
3. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram,* nasesandleni sikaBhenhadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla.
4. UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile.