11. Kananjalo, yena wenza izigánga ezintabeni zakwaYuda; wabahenyuzisa abemi baseYerusalem, wawawexula amaYuda.
12. Kweza kuye incwadi ivela kuEliya umprofeti, isithi, Útsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ngethuba lokuba ungàhambanga ngeendlela zikaYehoshafati uyihlo, nangeendlela zika-Asa ukumkani wakwaYuda;
13. usuké wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, wawahenyuzisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ngokokuhenyuzisa kwendlu ka-Ahabhi; kananjalo wababulala abaninawa bakho bendlu kayihlo, ababelungile kunawe:
14. yabona, uYehova uya kubabetha ngesibetho esikhulu abantu bakho, noonyana bakho, nabafazi bakho, nempahla yakho yonke;
15. ke wena wobethwa zizifo ezininzi, sisifo sezibilini zakho, zide ziphume izibilini zakho sisifo semihla ngemihla.
16. UYehova wawaxhokonxa amaFilisti, nama-Arabhi asecaleni lamaKushi, ukuba amchase uYehoram.