5. Ngaloo maxesha kwakungekho luxolo kophumayo nakongenayo, zaba ziziphithiphithi ezikhulu kubemi bonke bamazwe.
6. Uhlanga lwaqotywa luhlanga, umzi ngumzi; ngokuba uThixo wabadubaduba ngeembandezelo zonke.
7. Ke nina yomelelani; mazingawi izandla zenu; ngokuba umsebenzi wenu unomvuzo.
8. Wathi uAsa, akuweva loo mazwi nesiprofeto sikaOdede umprofeti, womelela, wazikhwelelisa zonke izinto ezinezothe ezweni lonke lakwaYuda nelakwaBhenjamin, nasemizini abeyithimbile kweleentaba lakwaEfrayim; wasihlaziya isibingelelo sikaYehova, esiphambi kwevaranda* kaYehova.
9. Wawahlanganisa onke amaYuda namaBhenjamin nabasemzini ababekuwo, bakwaEfrayim, nabakwaManase, nabakwaSimon; ngokuba bagalela kuye abakwaSirayeli babaninzi, bakubona ukuba uYehova uThixo wakhe unaye.
10. Babuthelana ke eYerusalem ngenyanga yesithathu, ngomnyaka weshumi elinesihlanu wobukumkani buka-Asa,