20. Ngexesha lokufa kwakhe, abafazi ababemi phezu kwakhe bathetha, bathi, Musa ukoyika, ngokuba ùzele unyana. Akaphendula, akakhathala koko.
21. Wathi umntwana nguIkabhode,* esithi, Uzuko lumkile kwaSirayeli, ngenxa yokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nangenxa yoyise wendoda, nendoda yakhe.
22. Wathi, Uzuko lumkile kwaSirayeli; kuba ityeya kaThixo ithinjiwe.