25. Kwaba njalo, kuthabathela kuloo mini kunyuse, wakumisa kwaba ngummiselo nesiko kwaSirayeli unanamhla.
26. Weza uDavide eTsikelage, wathumela inxenye yamaxhoba kumadoda amakhulu akwaYuda, kumakowabo, esithi, Nantso intsikelelo yenu emaxhobeni eentshaba zikaYehova;
27. kwawaseBheteli, nakwawaseRamoti esezantsi, nakwawaseYatire,
28. nakwawaseArohere, nakwawaseSifimoti, nakwawase-Eshtemowa,
29. nakwawaseRakali, nakwawasemizini yamaYerameli, nakwawasemizini yamaKeni,
30. nakwawaseHorma, nakwawaseKorashan, nakwawaseAtaki,
31. nakwawaseHebron, nasezindaweni zonke apho uDavide abehambahamba khona, yena namadoda akhe.