Wakhawuleza ke uAbhigali, wathabatha amakhulu amabini ezonka, neentsuba zambini zewayini, neegusha zantlanu sezihlinziwe, neeseha* zantlanu zamakhweba, zalikhulu izicumba zeerasintyisi, zamakhulu mabini izicumba zamakhiwane, wazibeka emaesileni.