1. Wathi uSamuweli kuSawule, UYehova wandithuma ukuba ndikuthambise ube ngukumkani kubantu bakhe, kumaSirayeli. Wáphulaphule ke ngoko amazwi kaYehova.
2. Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndikukhangéle konke awakwenzáyo ama-Amaleki kumaSirayeli, okokuba awathintelayo endleleni ekunyukeni kwawo eYiputa.