AmaSirayeli onke eva kusithiwa, USawule uyoyisile ikampu yamaFilisti; kananjalo amaSirayeli azinukisile kumaFilisti. Abantu bahlatyelwa umkhosi, beza bamlandela uSawule baya eGiligali.