12. Intendelezo enkulu ejikelezayo yayineengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nocamba lwemisedare echweliweyo; njengentendelezo engaphakathi yendlu kaYehova, nevaranda yendlu layo.
13. Wathumela ukumkani uSolomon, wathabatha uHuram eTire.
14. Yena ebengunyana womhlolokazi wesizwe sakwaNafetali, uyise ebengumTire, ingcibi yobhedu; wayezele bubulumko nayingqondo, nakukwazi ukwenza yonke imisebenzi yobhedu. Weza ke kukumkani, kuSolomon, wayenza yonke imisebenzi yakhe.
15. Wayila iintsika zambini zobhedu: zalishumi elinesibhozo iikubhite ukuphakama kwentsika inye, nomtya oziikubhite ezilishumi elinambini ukuthandela intsika inye.
16. Wenza iingqukuva zambini ngobhedu olutyhidiweyo, zokubekwa emantloko eentsika ezo: ukuphakama kwengqukuva enye kuziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwengqukuva yesibini kuziikubhite ezintlanu.
17. Wenza iminatha, umsebenzi onguphinyephinye, nezidanga, umsebenzi osontelwe ezingqukuveni, ezisemantloko eentsika ezo: yasixhenxe kwenye ingqukuva, yasixhenxe kweyesibini ingqukuva.