3. Ivaranda,* ebiphambi kwebhotwe lendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini ubude bayo bungangobubanzi bendlu; ibiziikubhite ezilishumi ububanzi bayo phambi kwendlu.
4. Ke indlu wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa athe nkqi.
5. Wákha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke;
6. udidi oluphantsi beluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; oluphakathi beluziikubhite ezintandathu ububanzi balo; olwesithathu beluziikubhite ezisixhenxe ububanzi balo; ngokuba wenza iingqameko endlwini ngaphandle, wajikelezisa, ukuze imiqadi ingàfakwa ezindongeni zendlu.
7. Indlu ekwakhiweni kwayo yákhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo.
8. Umnyango wegumbi eliphakathi ubusecaleni lasekunene lendlu; kwenyukwa ngezinyuko ezizungulezayo ukuya kweloluphakathi udidi, nokusuka kulo kuyiwe kwelolwesithathu.
9. Wayakha ke indlu, wayigqiba, wayifulela ngemiqadi neeplanga zemisedare.*
10. Wákha ke umayamo endlwini yonke, waziikhubhite ezintlanu ukuphakama kwawo; wabambelela endlwini ngemisedare.
11. Lafika ilizwi likaYehova kuSolomon, lisithi,
12. Ngale ndlu uyakhayo wena, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho ngokuhamba ngayo: ndolimisa kuwe ilizwi lam, endalithethayo kuDavide uyihlo;
13. ndihlàle phakathi koonyana bakaSirayeli, ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli.
14. Wayakha ke uSolomon indlu, wayigqiba.
15. Wazakha iindonga zendlu ngaphakathi ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini yophahla; waleka ngemithi ngaphakathi, wawaleka umgangatho wendlu ngeeplanga zemisipres.*
16. Wákha iikubhite ezimashumi mabini, ethabathela emaphundwini endlu, ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini; wazakhela yona ngaphakathi indawo yezihlabo, ingcwele kangcwele.
17. Yayingamashumi amané eekubhite indlu leyo ilibhotwe elingaphambili.