Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise;