Wafika kukumkani. Wathi ukumkani kuye, Mikaya, síye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, siyeke, kusini na? Wathi kuye, Nyuka, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.