Waphendula ukumkani, wathi kumfo wakwaThixo, Khawumbongoze uYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyiselwe kum isandla sam. Umfo wakwaThixo wambongoza ke uYehova, sabuyiselwa kuye isandla sokumkani, saba njengokwangaphambili.