23. Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;* ngokuba bekuhlé ububi endlwini yakhe.
24. Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.
25. URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe,
26. uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe,
27. uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.