8. uTsadoki wazala uAhimahatse;
9. uAhimahatse wazala uAzariya; uAzariya wazala uYohanan;
10. uYohanan wazala uAzariya, (yena ke ebengumbingeleli endlwini awayakháyo uSolomon eYerusalem);
11. uAzariya wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitubhi; uAhitubhi wazala uTsadoki;
12. uTsadoki wazala uShalum; uShalum wazala uHilekiya;
13. uHilekiya wazala uAzarita;
14. uAzariya wazala uSeraya;
15. uSeraya wazala uYotsadaki; uYotsadaki wahamba, akuwafudusa uYehova amaYuda neYerusalem ngoNebhukadenetsare.
16. Oonyana bakaLevi nguGershom, noKehati, noMerari.
17. Ngawo la amagama oonyana bakaGershom: nguLibheni noShimehi.
18. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.
19. Oonyana bakaMerari nguMaheli noMushi. Yiyo ke leyo imizalwane kaLevi, ngokwezindlu zooyise.
20. KuGershom: nguLibheni unyana wakhe, nguYahati unyana wakhe, nguZima unyana wakhe,