22. Oonyana bakaKehati nguAminadabhi unyana wakhe, nguKora unyana wakhe, nguAsire unyana wakhe,
23. nguElikana unyana wakhe, noEbhiyasefu unyana wakhe, noAsire unyana wakhe,
24. nguTahati unyana wakhe, ngu-Uriyeli unyana wakhe, ngu-Uziya unyana wakhe, nguSawule unyana wakhe.
25. Ooyana bakaElikana nguAmasayi noAhimoti.
26. KuElikana: oonyana bakaElikana nguTsofayi unyana wakhe, noNahati unyana wakhe,
27. nguEliyabhi unyana wakhe, nguYoram unyana wakhe, nguElikana unyana wakhe.