7. Abazalwana bakhe, elowo ngokwemizalwane yakhe, ekubhalweni emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo: iintloko ibingooYehiyeli noZekariya,
8. noBhela unyana ka-Azazi, unyana kaShema, unyana kaYoweli, obehleli eArohere, wesa eNebho naseBhahali-mehon.
9. Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi.
10. Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.
11. Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka;
12. nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan.
13. Nabazalwana babo bendlu yooyise ngooMikayeli, noMeshulam, noShebha, noYorayi, noYakan, noZiya, noEbhere; basixhenxe abo.
14. Ngabo aba oonyana baka-Abhihayili, unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuzi: