1. Oonyana bakaSirayeli ngokwenani labo, iintloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nababhali babo, ababelungiselela kukumkani emicimbini yonke yamaqela ngamaqela: angénayo naphumayo iinyanga ngeenyanga, ezinyangeni zonke zomnyaka, liqela linye, lalingamashumi amabini anamané amawaka.
2. Iqela lokuqala ngenyanga yokuqala laliphethwe nguYashobheham unyana kaZabhediyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka;
3. koonyana bakaPeretse, ibinguye oyintloko yabathetheli bonke bemikhosi ngenyanga yokuqala.
4. Iqela lenyanga yesibini laliphethwe nguDodayi umAhowa, ingànga yeqela lakhe inguMikeloti; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
5. Umthetheli wesithathu womkhosi ngenyanga yesithathu ibinguBhenaya, unyana kaYoyada umbingeleli, eyintloko; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
6. Ngulo Bhenaya waye eligorha kumashumi amathathu, ephethe amashumi omathathu lawo; eqeleni lakhe inguAmizabhadi unyana wakhe.
7. Owesiné ngenyanga yesiné ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
8. Owesihlanu umthetheli ngenyanga yesihlanu ibinguShamuti umIzra; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
9. Owesithandathu ngenyanga yesithandathu ibinguIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
10. Owesixhenxe ngenyanga yesixhenxe ibinguHeletse umPelon, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
11. Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
12. Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.