7. Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.
8. Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.
9. Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;
10. elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;
11. elesiné noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
12. elesihlanunoNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
13. elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
14. elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
15. elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
16. elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
17. eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
18. eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
19. eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;