33. Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.
34. USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.
35. USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.
36. UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.
37. UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede;
38. uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;
39. uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;
40. uElasa wazala uSisamayi;
41. uSisamayi wazala uShalum; uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.
42. Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.
43. Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.